Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 44:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. “Utsho ke ngoko uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: ‘Kutheni nizizisele esi sihelegu kwaJuda sokutshabalalisa amadoda, abafazi, nabantwana, neemveku, kungasali nampunde?

8. Nantso into eza kunihlela nindixhokonxa nje ngokwenzela izithixo iziqhumiso kweli laseJiputa eningabangeneleli kulo. Niza kuzitshabalalisa nina ziqu, nibe sisiqalekiso nesigculelo sezizwe ehlabathini.

9. Ngaba seniyilibele na inkohlakalo yooyihlo, neyookumkani bakwaJuda, nabafazi babo, neyenu kunye nabafazi benu, enayenzayo ngokuya nanisezidolophini zakwaJuda naseJerusalem?

10. Unanamhla oku anikabonakalisi kuzisola nokundihlonela. Anikawuthobeli umthetho nommiselo endawunika nina kunye nooyihlo-mkhulu.’

11. “Utsho ke ngoko uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: ‘Niyabona, ndizimisele ukunihlisela ishwangusha, ndiwatshabalalise onke amaJuda.

12. Ndiza kuwasusa la masalela akwaJuda azimisele ukuphambukela eJiputa. Aza kutshabalala apho kuloo Jiputa. Amanye aza kufa ngekrele, amanye yindlala, nditsho omncinci nomkhulu ngokufanayo. Aza kuba sisiqalekiso, nesothuso, nezigculelo, nesingcikivo.

13. AmaJuda aseJiputa ndiza kuwohlwaya ngesohlwayo esifana nesabaseJerusalem: indlala, ikrele, nobhubhani.

14. Akuyi kubakho usindayo noya kusala kula masalela akwaJuda aphambukele kwelaseJiputa enethemba lokuba obuyela kwelakwaJuda esaphila. Inene, akukho uya kubuya konke, ngaphandle kwembinana eya kuphuncula.’ ”

15. Emva koko onke amadoda awayesazi ukuba abafazi bawo benzela izithixo iziqhumiso nehlokondiba labafazi elalilapho nababehlala eJiputa nasePatrosi bathi kuJeremiya:

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 44