Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 44:28-30 Ibhayibhile (XHO96)

28. Ewe, baya kuba mbalwa abasindayo bangafi ngekrele eJiputa, baze babuyele ezweni lakwaJuda. Baya kwandula ke ukuqonda abantu abaseleyo kwabo babeze kuma apha eJiputa ukuba ngaba lelikabani na ilizwi elingayi kuwa phantsi, lelam nokuba lelabo.’

29. “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Umqondiso endininika wona nguwo lo: Ndiza kunohlwaya apha kule ndawo, ukuze niqonde ukuba aza kwenzeka amazwi endiwathethileyo kuni ndisithi ndonizisela ububi.’

30. Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ukumkani uHofra waseJiputa ndiza kumnikela esandleni seentshaba zakhe ezizungula ubomi bakhe, kanye njengoko ndenjenjalo kuZedekiya ukumkani wakwaJuda, xa ndamnikela esandleni sikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, utshaba olwaluzungula ubomi bakhe.’ ”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 44