Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 44:20-30 Ibhayibhile (XHO96)

20. Wenjenje uJeremiya akuphendulwa ngolu hlobo ngamadoda nabafazi nangabantu bonke:

21. “Xa ooyihlo-mkhulu nookumkani neziphathamandla zenu, kunye nomndilili wabantu, babethe rhoqo ukwenza iziqhumiso ezidolophini zakwaJuda naseJerusalem, akazange na uNdikhoyo ayikhumbule loo nto, ayigcine entliziyweni yakhe?

22. UNdikhoyo akabanga nako tu ukukunyamezela ukungcola kwezenzo zenu kunye namasikizi eniwenzileyo. Andithi kanene ilizwe lenu laba ngumqwebedu nento eyoyikekayo esisiqalekiso kangangokuba kungahlali bani kulo unanamhla oku?

23. Nahlelwa leli shwangusha likhoyo namhlanje ngenxa yokuba nenzela izithixo iziqhumiso, namona uNdikhoyo ngokungamthobeli nokungahambi ngokwemithetho nemimiselo nemigaqo yakhe.”

24. Uqokele wathi uJeremiya kubo bonke abantu nâbo bafazi: “Nina maJuda ahlala eJiputa, nali ilizwi likaNdikhoyo.

25. Utsho kuni uNdikhoyo uThixo onamandla onke kaSirayeli ukuthi: ‘Nina nabafazi benu nithetha into niyenze. Nithi niza kuthi rhoqo nizalise amadinga enu, nenzele uKumkanikazi weZulu iziqhumiso neminikelo ethululwayo. Qhubani ke niwafezekise loo madinga enu!

26. Kodwa ke, nonke nina bantu bakwaJuda abemi apha eJiputa, wuveni umlomo kaNdikhoyo; uthi: Niyabona, ndifunga igama lam elidumileyo, ndithi: Inene, aliyi kuba sabizwa igama lam nangubani na wakwaJuda naphi na apha kwelaseJiputa, esithi: “Ikho nje iNkosi uNdikhoyo!”

27. Niyabona, ndithe qwa, ndizimisele ukunizisela ububi, hayi ubuhle. Yaye onke amadoda akwaJuda alapha eJiputa aza kufa ngekrele nayindlala, ade atshabalale onke.

28. Ewe, baya kuba mbalwa abasindayo bangafi ngekrele eJiputa, baze babuyele ezweni lakwaJuda. Baya kwandula ke ukuqonda abantu abaseleyo kwabo babeze kuma apha eJiputa ukuba ngaba lelikabani na ilizwi elingayi kuwa phantsi, lelam nokuba lelabo.’

29. “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Umqondiso endininika wona nguwo lo: Ndiza kunohlwaya apha kule ndawo, ukuze niqonde ukuba aza kwenzeka amazwi endiwathethileyo kuni ndisithi ndonizisela ububi.’

30. Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ukumkani uHofra waseJiputa ndiza kumnikela esandleni seentshaba zakhe ezizungula ubomi bakhe, kanye njengoko ndenjenjalo kuZedekiya ukumkani wakwaJuda, xa ndamnikela esandleni sikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, utshaba olwaluzungula ubomi bakhe.’ ”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 44