Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 44:14-26 Ibhayibhile (XHO96)

14. Akuyi kubakho usindayo noya kusala kula masalela akwaJuda aphambukele kwelaseJiputa enethemba lokuba obuyela kwelakwaJuda esaphila. Inene, akukho uya kubuya konke, ngaphandle kwembinana eya kuphuncula.’ ”

15. Emva koko onke amadoda awayesazi ukuba abafazi bawo benzela izithixo iziqhumiso nehlokondiba labafazi elalilapho nababehlala eJiputa nasePatrosi bathi kuJeremiya:

16. “Asiyi kuwuphulaphula lo myalelo wakho owuthethe egameni *likaNdikhoyo.

17. Thina siza kuthi rhoqo ukuzalisa amadinga ethu, senzele uKumkanikazi weZulu iziqhumiso, simphe neminikelo ethululwayo njengoko sasikade sisenza thina nookhokho bethu nookumkani neziphathamandla zethu sisahlala kwiidolophu zakwaJuda naseJerusalem. Ngoko sasidla ngokuba nokutya kakhulu, sisanela, kungazange kwabakho shwangusha lakha lasithi cha.

18. Kodwa oko sathi sahlukana nokwenzela uKumkanikazi weZulu iziqhumiso, sayeka nokumpha iziselo, sathiwa nca yindlala, sada sagqibela ngokufa ngekrele naliphango.”

19. Baqokela bathi abafazi: “Ngokuya sasidla ngokwenza amaqebengwana anomfanekiso woKumkanikazi weZulu, uba amadoda ethu ayengayazi loo nto? Ayesazi naxa simenzela iminikelo ethululwayo.”

20. Wenjenje uJeremiya akuphendulwa ngolu hlobo ngamadoda nabafazi nangabantu bonke:

21. “Xa ooyihlo-mkhulu nookumkani neziphathamandla zenu, kunye nomndilili wabantu, babethe rhoqo ukwenza iziqhumiso ezidolophini zakwaJuda naseJerusalem, akazange na uNdikhoyo ayikhumbule loo nto, ayigcine entliziyweni yakhe?

22. UNdikhoyo akabanga nako tu ukukunyamezela ukungcola kwezenzo zenu kunye namasikizi eniwenzileyo. Andithi kanene ilizwe lenu laba ngumqwebedu nento eyoyikekayo esisiqalekiso kangangokuba kungahlali bani kulo unanamhla oku?

23. Nahlelwa leli shwangusha likhoyo namhlanje ngenxa yokuba nenzela izithixo iziqhumiso, namona uNdikhoyo ngokungamthobeli nokungahambi ngokwemithetho nemimiselo nemigaqo yakhe.”

24. Uqokele wathi uJeremiya kubo bonke abantu nâbo bafazi: “Nina maJuda ahlala eJiputa, nali ilizwi likaNdikhoyo.

25. Utsho kuni uNdikhoyo uThixo onamandla onke kaSirayeli ukuthi: ‘Nina nabafazi benu nithetha into niyenze. Nithi niza kuthi rhoqo nizalise amadinga enu, nenzele uKumkanikazi weZulu iziqhumiso neminikelo ethululwayo. Qhubani ke niwafezekise loo madinga enu!

26. Kodwa ke, nonke nina bantu bakwaJuda abemi apha eJiputa, wuveni umlomo kaNdikhoyo; uthi: Niyabona, ndifunga igama lam elidumileyo, ndithi: Inene, aliyi kuba sabizwa igama lam nangubani na wakwaJuda naphi na apha kwelaseJiputa, esithi: “Ikho nje iNkosi uNdikhoyo!”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 44