Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 44:14-19 Ibhayibhile (XHO96)

14. Akuyi kubakho usindayo noya kusala kula masalela akwaJuda aphambukele kwelaseJiputa enethemba lokuba obuyela kwelakwaJuda esaphila. Inene, akukho uya kubuya konke, ngaphandle kwembinana eya kuphuncula.’ ”

15. Emva koko onke amadoda awayesazi ukuba abafazi bawo benzela izithixo iziqhumiso nehlokondiba labafazi elalilapho nababehlala eJiputa nasePatrosi bathi kuJeremiya:

16. “Asiyi kuwuphulaphula lo myalelo wakho owuthethe egameni *likaNdikhoyo.

17. Thina siza kuthi rhoqo ukuzalisa amadinga ethu, senzele uKumkanikazi weZulu iziqhumiso, simphe neminikelo ethululwayo njengoko sasikade sisenza thina nookhokho bethu nookumkani neziphathamandla zethu sisahlala kwiidolophu zakwaJuda naseJerusalem. Ngoko sasidla ngokuba nokutya kakhulu, sisanela, kungazange kwabakho shwangusha lakha lasithi cha.

18. Kodwa oko sathi sahlukana nokwenzela uKumkanikazi weZulu iziqhumiso, sayeka nokumpha iziselo, sathiwa nca yindlala, sada sagqibela ngokufa ngekrele naliphango.”

19. Baqokela bathi abafazi: “Ngokuya sasidla ngokwenza amaqebengwana anomfanekiso woKumkanikazi weZulu, uba amadoda ethu ayengayazi loo nto? Ayesazi naxa simenzela iminikelo ethululwayo.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 44