Izindlu zoothixo bamaJiputa uza kuzintumeka ngomlilo, atshise izindlu zoothixo balapho, amaJiputa awase ekuthinjweni. Wowuphendla umhlaba waseJiputa, aphume apho exolile, njengomalusi ephendla iintwala engubeni yakhe.