Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 42:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngoko ke musan' ukuba noloyiko ngukumkani waseBhabheli lo nimoyikayo ngoku. Musan' ukumoyika,’ lowo ngumlomo kaNdikhoyo, ‘kuba ndinani, ndiza kunihlangula, nisinde esandleni sakhe.

12. Ndiza kusikwa yimfesane nini, naye ukumkani avelane nani, aniyeke nihlale kulo mhlaba wenu.’

13. “Kusenokwenzeka kambe ningamthobeli uNdikhoyo uThixo wenu, nithi: ‘Asizi kuhlala apha kweli lizwe thina.

14. Siza kuhamba siye kuhlala eJiputa, apho kungekho zimfazwe, kungakhali zintlaba-mkhosi, kungalanjwayo khona.’

15. Ke ngoko nali ilizwi likaNdikhoyo, nina masalela akwaJuda, utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke kaSirayeli ukuthi: ‘Xa nizimisele ukuya eJiputa, nifike nime apho,

16. ewe, ikrele eli niloyikayo lonifikela apho, naloo ndlala niyisabayo iya kuthana mbende kunye nani naseJiputa – niya kufela apho.

17. Bonke abo bazimisele ukuya kuhlala eJiputa baya kufa ngekrele, yindlala, nangubhubhani; akuyi kusala nokuba mnye usindayo kwelo shwangusha ndonihlisela lona.’

18. Utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Nanjengoko umsindo wam nengqumbo yam zathululwa phezu kwabemi baseJerusalem, yokwenjenjalo nani ukunifikela ingqumbo yam xa nixhinele ukuya eJiputa. Noba zizinto ezisisiqalekiso nezikhwankqisayo, izinto ezisisigculelo nesingcikivo. Anisobe nibuye niyibone le ndawo kwakhona.’

19. “Uthi ke ngoko kuni uNdikhoyo, nina masalela akwaJuda: ‘Musani ukuya eJiputa.’ Ke ngoko yiqondeni kakuhle le ndawo; ndiyaniyala namhlanje.

20. Nizikhohlisile nabubeka ubomi benu esichengeni ngokuya benisithi: ‘Sithandazele kuNdikhoyo uThixo wethu, usixelele konke athi masikwenze, kuba sokwenza.’

21. Ndinixelele konke ke namhla, kodwa nina animthobeli uNdikhoyo uThixo wenu kwizinto athe maze ndinixelele zona.

22. Ngoko ke yazini ngokuphandle le nto: niza kufa ngekrele, nayindlala, nangubhubhani, kanye kuloo ndawo nizimisele ukuphambukela kuyo.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 42