Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 42:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva koko bonke abaphathi-mabutho kunye noYohanan unyana kaKareya bekunye noYazaniya unyana kaHoshaya nabantu bonke, abancinane nabakhulu, baya

2. kumshumayeli uJeremiya, bafika bathi kuye: “Nceda usamkele isicelo sethu kuwe: Sithandazele *kuNdikhoyo uThixo wakho, ucelele onke la masalela, kuba nawe ngokwakho uyabona ukuba naxa sasibaninzi ngoku sesisele siliqaqobana.

3. Mcele uNdikhoyo uThixo wakho ukuba asityhilele indlela emasihambe ngayo, nento emasiyenze.”

4. Umshumayeli uJeremiya usuke wenjenje ukuthetha nabo: “Ndivile. Ndiza kunithandazela kuNdikhoyo uThixo wenu, ndaye ndiya kunazisa yonke into uNdikhoyo aniphendula ngayo; andiyi kunifihlela nto konke.”

5. Bathi bona kuJeremiya: “UNdikhoyo aze abe lingqina elithembekileyo nelinyanisekileyo, achasane nathi xa singayenziyo yonke into uNdikhoyo uThixo wakho akuthumayo ukuba usixelele.

6. Nokuba limnandi, nokuba libi ilizwi likaNdikhoyo uThixo wethu lo sikuthuma kuye, siya kulithobela, khon' ukuze silungelwe. Ewe, inene, siya kumthobela uNdikhoyo uThixo wethu.”

7. Emva kweentsuku ezilishumi lavakala ilizwi likaNdikhoyo kuJeremiya.

8. Wabiza uYohanan unyana kaKareya kunye nabo bonke abaphathi-mabutho ababenaye, nabantu bonke, abancinci nabakhulu,

9. wathi kubo: “UNdikhoyo uThixo kaSirayeli enindithume ukuze ndisigqithisele kuye isicelo senu, utsho ukuthi:

10. ‘Ukuba nithe nahlala kulo mhlaba, ndiya kunakha ndinganidilizi; ndonityala ndinganincothuli, kuba ndiyazisola ngeshwangusha endinihlisele lona!

11. Ngoko ke musan' ukuba noloyiko ngukumkani waseBhabheli lo nimoyikayo ngoku. Musan' ukumoyika,’ lowo ngumlomo kaNdikhoyo, ‘kuba ndinani, ndiza kunihlangula, nisinde esandleni sakhe.

12. Ndiza kusikwa yimfesane nini, naye ukumkani avelane nani, aniyeke nihlale kulo mhlaba wenu.’

13. “Kusenokwenzeka kambe ningamthobeli uNdikhoyo uThixo wenu, nithi: ‘Asizi kuhlala apha kweli lizwe thina.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 42