Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 4:21-28 Ibhayibhile (XHO96)

21. Koda kube nini ndibukelana namadabi?Koda kube nini ndisiva isandi sesigodlo?

22. Ke yena *uNdikhoyo uthi:“Baziziyatha kambe abantu bam; abade bandazi.Bazizityhakala zabantwana abangenangqiqo.Ngamachebesha okwenza okubi,kodwa ngamaqhitala kokulungileyo.”

23. Ndathi ndakuwukhangela umhlaba,ndafika ubharhile, kusempengezini;ndakukhangela amazulu akwabikho kukhanya.

24. Ndakhangela iintaba, ndafika zigungqa, neenduli zinyikima.

25. Ndakhangela andabona mntu konke;kwakubhace nkqu neentaka ezi.

26. Ndakhangela umhlaba otyebileyo, ndafika uyintlango,izixeko zonke zingamabhodlo.Oku kwenzeka emehlweni kaNdikhoyongenxa yomsindo wakhe ovuthayo.

27. Kaloku utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Kuya kuba senkangala kumhlaba wonke,kodwa ke ndingawubhangisi kuphele.

28. Ngenxa yoko umhlaba uya kwenza isijwili,isibhakabhaka sisibekele kube mnyama,kuba kutsho mna.Ndigqibile, yaye andiyi kukuyekelela endikuthethileyo;andiyi kujika.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 4