Emva koko ukumkani uZedekiya wathi makaye kubizwa umshumayeli uJeremiya, asiwe kumnyango wesithathu wendlu *kaNdikhoyo. Uthe akufika uJeremiya, ukumkani wathi: “Ndifuna ukukubuza into; uze ungandifihleli.”