Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 37:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. UZedekiya unyana kaYosiya wabekwa waba ngukumkani wakwaJuda, emiselwa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Wangena ezihlangwini zikaKoniya unyana kaJoyakim

2. owayengazange awahoye, yena namaphakathi akhe, nabantu belizwe, amazwi *kaNdikhoyo awayeshunyayelwa ngumshumayeli uJeremiya.

3. Ke yena uZedekiya wathumela uYukali unyana kaShelemiya, ekunye nombingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, ukuba baye kumshumayeli uJeremiya, bafike bathi: “Khawusithandazele kuNdikhoyo uThixo wethu.”

4. Ngelo xesha wayesakhululekile uJeremiya, esenokuhamba-hamba phakathi kwabantu, kuba wayengekavalelwa entolongweni.

5. Umkhosi wokumkani waseJiputa wawuselundulukile, aza amaKaledi awayengqinge iJerusalem, akuziva ezo ndaba, arhoxa.

6. Lavakala ilizwi likaNdikhoyo kumshumayeli uJeremiya, lisithi:

7. “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Mxeleleni ukumkani wakwaJuda obenithume kum nithi ndithi: Nanko umkhosi wokumkani waseJiputa obuze kuncedisana nani ubuyela kwakwelakowawo eJiputa.

8. Wona ke amaKaledi aza kubuya aze kuhlasela esi sixeko, asithimbe, asitshabalalise ngomlilo.’

9. “Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: ‘Nize ningazikhohlisi nibe amaKaledi aza kuniyeka. Unakanye ukuba aniyeke!

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 37