1. UZedekiya unyana kaYosiya wabekwa waba ngukumkani wakwaJuda, emiselwa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Wangena ezihlangwini zikaKoniya unyana kaJoyakim
2. owayengazange awahoye, yena namaphakathi akhe, nabantu belizwe, amazwi *kaNdikhoyo awayeshunyayelwa ngumshumayeli uJeremiya.
3. Ke yena uZedekiya wathumela uYukali unyana kaShelemiya, ekunye nombingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, ukuba baye kumshumayeli uJeremiya, bafike bathi: “Khawusithandazele kuNdikhoyo uThixo wethu.”
4. Ngelo xesha wayesakhululekile uJeremiya, esenokuhamba-hamba phakathi kwabantu, kuba wayengekavalelwa entolongweni.
5. Umkhosi wokumkani waseJiputa wawuselundulukile, aza amaKaledi awayengqinge iJerusalem, akuziva ezo ndaba, arhoxa.
6. Lavakala ilizwi likaNdikhoyo kumshumayeli uJeremiya, lisithi:
7. “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Mxeleleni ukumkani wakwaJuda obenithume kum nithi ndithi: Nanko umkhosi wokumkani waseJiputa obuze kuncedisana nani ubuyela kwakwelakowawo eJiputa.
8. Wona ke amaKaledi aza kubuya aze kuhlasela esi sixeko, asithimbe, asitshabalalise ngomlilo.’
9. “Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: ‘Nize ningazikhohlisi nibe amaKaledi aza kuniyeka. Unakanye ukuba aniyeke!
10. Ndithi nokuba beningade niwubhuqe wonke umkhosi wamaKaledi onihlaselayo, kusale nje iingxwelerha ezintenteni, zona kanye beziya kuvuka zisitshabalalise ngomlilo esi sixeko.’ ”