25. Nakuba wayebongozwa ngooElinatan noDelaya noGemariya ukuba angayitshisi loo ncwadi ukumkani, akabaphulaphulanga.
26. Wasuka wathi ukumkani kuJerameli unyana wakhe, noSeriya unyana ka-Azeriyeli, kunye noShelemiya unyana ka-Abhedeli, mabababambe ooJeremiya umshumayeli noBharuki unobhala wakhe. Suka yena uNdikhoyo wabafihla.
27. Akuba ukumkani eyitshisile incwadi eyabhalwa nguBharuki ebizelwa nguJeremiya, libuye lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, lisithi:
28. “Thatha enye incwadi, ubhale kuyo onke loo mazwi awayekulaa ncwadi yokuqala itshiswe nguJoyakim ukumkani wakwaJuda.