Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 36:23-30 Ibhayibhile (XHO96)

23. Wayethi akuba efunde imihlathi emithathu okanye emine uYehudi, ayikrazule ngemela yombhali ukumkani loo mihlathi, ayiphose emlilweni. Wenza loo nto yada yaphela yonke loo ncwadi.

24. Ukumkani namaphakathi akhe ababonakalisanga kothuka nakuzohlwaya bakuba bewavile la mazwi.

25. Nakuba wayebongozwa ngooElinatan noDelaya noGemariya ukuba angayitshisi loo ncwadi ukumkani, akabaphulaphulanga.

26. Wasuka wathi ukumkani kuJerameli unyana wakhe, noSeriya unyana ka-Azeriyeli, kunye noShelemiya unyana ka-Abhedeli, mabababambe ooJeremiya umshumayeli noBharuki unobhala wakhe. Suka yena uNdikhoyo wabafihla.

27. Akuba ukumkani eyitshisile incwadi eyabhalwa nguBharuki ebizelwa nguJeremiya, libuye lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, lisithi:

28. “Thatha enye incwadi, ubhale kuyo onke loo mazwi awayekulaa ncwadi yokuqala itshiswe nguJoyakim ukumkani wakwaJuda.

29. Uze uthi kuJoyakim ukumkani wakwaJuda: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Wena uyitshisile laa ncwadi, usithi: “Kutheni ukuba ubhale usithi ngenene ukumkani waseBhabheli uza kulitshabalalisa eli lizwe, atshitshise konke abantu nempahla?”

30. Ke ngoko utsho uNdikhoyo malunga noJoyakim ukumkani wakwaJuda ukuthi: “Yena akayi kuba namzukulwana uya kulawula esikhundleni sikaDavide. Isidumbu sakhe siya kulahlwa, sitshe lilanga emini, silale iqabaka ebusuku.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 36