Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 36:20-26 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ezo ziphathamandla zayithatha loo ncwadi, zayibeka egumbini likaElishama unobhala, zaya kukumkani enkundleni, zamxelela konke.

21. Wathi ukumkani uYehudi makaye kuyilanda loo ncwadi. Waya kuyilanda ke egumbini likaElishama unobhala, wafika wayifundela ukumkani kunye neziphathamandla ezo ezazimngqongile.

22. Kwakusebusika ngenyanga yethoba, ukumkani esegumbini lasebusika lebhothwe, esotha imbhawula.

23. Wayethi akuba efunde imihlathi emithathu okanye emine uYehudi, ayikrazule ngemela yombhali ukumkani loo mihlathi, ayiphose emlilweni. Wenza loo nto yada yaphela yonke loo ncwadi.

24. Ukumkani namaphakathi akhe ababonakalisanga kothuka nakuzohlwaya bakuba bewavile la mazwi.

25. Nakuba wayebongozwa ngooElinatan noDelaya noGemariya ukuba angayitshisi loo ncwadi ukumkani, akabaphulaphulanga.

26. Wasuka wathi ukumkani kuJerameli unyana wakhe, noSeriya unyana ka-Azeriyeli, kunye noShelemiya unyana ka-Abhedeli, mabababambe ooJeremiya umshumayeli noBharuki unobhala wakhe. Suka yena uNdikhoyo wabafihla.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 36