Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 36:12-22 Ibhayibhile (XHO96)

12. waya kwigumbi likanobhala ebhotwe apho kwakuhleli khona ezi ziphathamandla: unobhala uElishama, uDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, kunye noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nezinye iindwalutho zonke.

13. Akuba uMikaya ebaxelele konke akuve kufundelwa abantu nguBharuki encwadini,

14. ezo ziphathamandla zathuma uYehudi, unyana kaNetaniya ozalwa nguShelemiya unyana kaKushi, ukuba axelele uBharuki athi: “Yiza apha naloo ncwadi uyifundela abantu!” Waya kubo ke uBharuki unyana kaNeriya, eyiphethe loo ncwadi.

15. Bathi kuye: “Khawuhlale phantsi usifundele.”Wahlala phantsi ke, wabafundela.

16. Akuba loo madoda ewavile onke loo mazwi, othuka, aza abhekisa kuBharuki athi: “Ngenene, la mazwi makaxelwe kukumkani.”

17. Babuza ke kuBharuki bathi: “Khawutsho, uyithatha phi yonke le ntu uyibhalileyo? Ngaba uyibhale uyibizelwa nguJeremiya?”

18. Wathi kubo uBharuki: “Ewe, aphuma emlonyeni kaJeremiya onke la mazwi, ndaza ke mna ndawabhala encwadini ngeinki.”

19. Ezo ziphathamandla zathi kuBharuki: “Wena noJeremiya sabani niye kuzifihla, kungabikho bani waziyo apho nikhona.”

20. Ezo ziphathamandla zayithatha loo ncwadi, zayibeka egumbini likaElishama unobhala, zaya kukumkani enkundleni, zamxelela konke.

21. Wathi ukumkani uYehudi makaye kuyilanda loo ncwadi. Waya kuyilanda ke egumbini likaElishama unobhala, wafika wayifundela ukumkani kunye neziphathamandla ezo ezazimngqongile.

22. Kwakusebusika ngenyanga yethoba, ukumkani esegumbini lasebusika lebhothwe, esotha imbhawula.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 36