Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 35:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ndabeka iibhekile neendebe ezinewayini ngaphambi kwabo, ndathi: “Khanibambe, madoda!”

6. Athi loo madoda: “Hayi, asiyiseli iwayini! Kaloku ubawo omkhulu uYonadabhi, unyana kaRekabhi, wathi: ‘Ze ningaze niyisele iwayini, nina nezizukulwana, nditsho nanini na.

7. Ngaphezu koko ze ningaze nakhe izindlu, nihlwayele imbewu, nityale izidiliya. Ze ningabi nazo konke-konke ezi zinto, koko nihlale ezintenteni bonke ubomi benu. Ukuba nithe nenjenjalo niya kuma ithuba elide kulo mhlaba eniphambukele kuwo.’

8. Siwuthobele ke wonke umyalelo kabawo omkhulu uYonadabhi unyana kaRekabhi. Thina, nabafazi bethu, noonyana neentombi zethu, asizanga sayisela iwayini ebomini,

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 35