Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 35:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngexesha ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya wayengukumkani kwaJuda lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya,

2. lisithi: “Yiya kumaRekabhi, uthethe nawo, uwamemele kwigumbi elibucala endlwini kaNdikhoyo, uwanike iwayini asele.”

3. Ndaya kubiza uYazaniya unyana kaJeremiya unyana kaHabhaziniya, nabantakwabo noonyana bakhe bonke. Ndawumema wonke umzi wamaRekabhi.

4. Ndabangenisa endlwini kaNdikhoyo, kwigumbi leento zikaHanam owayezalwa ngumfo wakwaThixo uIgedaliya. Elo gumbi lalimelene negumbi leziphathamandla, lona eli lingasentla kwelikaMaseya unyana kaShalum owayengumgcini-masango.

5. Ndabeka iibhekile neendebe ezinewayini ngaphambi kwabo, ndathi: “Khanibambe, madoda!”

6. Athi loo madoda: “Hayi, asiyiseli iwayini! Kaloku ubawo omkhulu uYonadabhi, unyana kaRekabhi, wathi: ‘Ze ningaze niyisele iwayini, nina nezizukulwana, nditsho nanini na.

7. Ngaphezu koko ze ningaze nakhe izindlu, nihlwayele imbewu, nityale izidiliya. Ze ningabi nazo konke-konke ezi zinto, koko nihlale ezintenteni bonke ubomi benu. Ukuba nithe nenjenjalo niya kuma ithuba elide kulo mhlaba eniphambukele kuwo.’

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 35