Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 34:9-14 Ibhayibhile (XHO96)

9. amakhoboka angamaHebhere angamadoda nabafazi, khon' ukuze kungabikho mntu ungumJuda unekhoboka lomJuda.

10. Bavuma bonke abantu kunye neziphathamandla ukuwakhulula onke amakhoboka, bangabi sawakhoboza abo bantu. Bawakhulula ke,

11. kodwa kamva babuye barhoxa kwizigqibo zabo, babanyanzela abo bantu ukuba babuyele kwasebukhobokeni.

12. Lavakala ke kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

13. “Utsho uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndênza umnqophiso kunye nookhokho benu mhla ndabakhupha eJiputa, ndabakhulula ebukhobokeni. Ndathi kubo:

14. “Qho ekupheleni kweminyaka esixhenxe kufuneka nikhulule wonke umwenu ongumHebhere ozithengise kuwe ithuba leminyaka emithandathu ekusebenzela.” Kodwa ookhokho benu abazanga bayihoye nokuyihoya loo nto ndayithethayo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 34