Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 34:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Umshumayeli uJeremiya wawathetha ke onke la mazwi kukumkani uZedekiya wakwaJuda eJerusalem,

7. xa kanye umkhosi wokumkani waseBhabheli wawuhlasela eso sixeko kunye nezinye iidolophu ezazisaxhathisile, iLakishe neAzeka, kuphela kwezixeko zakwaJuda ezazinqatyisiwe ezasalayo.

8. Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo emva kokuba ukumkani uZedekiya wayenze umnqophiso nabantu baseJerusalem wokuba baza kwenza isibhengezo sokuwakhulula

9. amakhoboka angamaHebhere angamadoda nabafazi, khon' ukuze kungabikho mntu ungumJuda unekhoboka lomJuda.

10. Bavuma bonke abantu kunye neziphathamandla ukuwakhulula onke amakhoboka, bangabi sawakhoboza abo bantu. Bawakhulula ke,

11. kodwa kamva babuye barhoxa kwizigqibo zabo, babanyanzela abo bantu ukuba babuyele kwasebukhobokeni.

12. Lavakala ke kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

13. “Utsho uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndênza umnqophiso kunye nookhokho benu mhla ndabakhupha eJiputa, ndabakhulula ebukhobokeni. Ndathi kubo:

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 34