Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 34:14-22 Ibhayibhile (XHO96)

14. “Qho ekupheleni kweminyaka esixhenxe kufuneka nikhulule wonke umwenu ongumHebhere ozithengise kuwe ithuba leminyaka emithandathu ekusebenzela.” Kodwa ookhokho benu abazanga bayihoye nokuyihoya loo nto ndayithethayo.

15. Kambe nina nizohlwayile, nandikholisa ngokuthi nonke nivume ukuwakhulula ebukhobokeni amawenu, nenza umnqophiso phambi kwam endlwini ebizwa ngegama lam.

16. Kodwa ngoku nibuye nasityeshela eso sigqibo, nalinyelisa igama lam ngokubuya nibanyanzele nibenze amakhoboka abantu ebenisele nabakhulula baye apho bathanda ukuya khona.’

17. “Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Anindithobelanga ngokungawakhululi amawenu. Niyabona ke, ndinivakalisela isibhengezo senkululeko: inkululeko yokufa ngekrele nendlala nobhubhani. Ndiza kunenza nibe ngumbono orhwaqelisayo kuzo zonke izizwe zehlabathi. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

18. Amadoda awaphuleyo umnqophiso wam, akayifezekisa imiqathango yomnqophiso awawenza phambi kwam, ndowafanisa nethole awalahlula kubini, aza acanda phakathi kwaloo macala alo.

19. Iziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem kunye namaphakathi, ababingeleli kunye nabo bonke abantu beli lizwe abacande phakathi kwamacala ethole elahlulwe kubini,

20. ndiza kubanikezela esandleni seentshaba zabo ezizungula ubomi babo, izidumbu zabo zibe kukutya kweentaka namarhamncwa.

21. “ ‘Naye ukumkani uZedekiya wakwaJuda, kunye neziphathamandla zakhe, ndiza kubanikela esandleni seentshaba zabo ezizungula ubomi babo, nditsho umkhosi wokumkani waseBhabheli orhoxileyo ekumhlaseleni.

22. Ndiza kunika umyalelo ndiwubuyisele kwesi sixeko, usihlasele, usithimbe, usitshise. Ezi dolophu zakwaJuda ndiza kuzitsho zibe yinkangala apho kungekho bani unokuhlala.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 34