Bakuba bengenile bema kumhlaba owabanika wona, suka bayityeshela imiyalelo yakho, abakuthobela, abazenza tu izinto owathi maze bazenze. Yiyo ke loo nto behlelwe leli shwangusha nje.