Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 3:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ndandiba uya kuthi emva kwayo yonke loo nto abuyele kum. Kodwa akabuyelanga kum, yaye nodade wabo ongathembekanga uJuda wayibona loo nto.

8. UJuda wabona ukuba umkreqikazi uSirayeli ndamnika incwadi yoqhawulo-mtshato ngenxa yokukrexeza, kodwa yena akazange othuke, suka naye ngokwakhe wangena kolo krexezo.

9. Ngenxa yokuba yaba yinto elula kumkreqikazi uSirayeli ukuhenyuza, walixabhela ilizwe, kuba wayekrexeza ngokunqula izinto ezingamatye nemithi.

10. Kuyo yonke loo nto uJuda udade wabo ongathembekanga akazange abuyele kum ngentliziyo yonke, wasuka wandixokisa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

11. UNdikhoyo uqhube wathi kum: “Noko ityala lomkreqikazi uSirayeli linganeno kwelikaJuda ongathembekanga.

12. Bhekisa emantla, ubhengeze olu daba, uthi:“ ‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,kuba ndinenceba.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.

13. Buvume nje kuphela wena ubugwenxa bakho,ngokuba umvukele uNdikhoyo uThixo wakho,wasuka wazandlalela abasemzini ngaphantsi kwemithi eyokozelayo,awalithobela ilizwi lam.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

14. “Buyela kum, lusaphondini olukreqayo!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndim inkosi yenu. Ndiza kukhetha umntu abe mnye edolophini, babe babini kwisizwe ngasinye, ndinibuyisele kwaseZiyon,

15. ndinithumele abelusi abasenyongweni kum, banaluse ngolwazi nengqiqo.

16. Niya kuthi ke nakuba nandile naba baninzi ngaloo mihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “ningabi sathi: ‘Nantsi ityesi yomnqophiso.’ Ewe, ayiyi kuba sathi chapha nasezingcingeni zenu, ingakhunjulwa nokukhunjulwa oku, ingadingeki nokudingeka, ingaze ibuye yenziwe nokwenziwa.

17. “Ngaloo mihla kuya kuthiwa iJerusalem isisihlalo sokulawula sikaNdikhoyo, zonke iintlanga zibuthelane khona, zize kunqula igama likaNdikhoyo, zingabuye zihambe ngokokuqaqadeka kweentliziyo zazo ezikhohlakeleyo.

18. Ewe, ngaloo mihla indlu kaJuda iya kumanyana nendlu kaSirayeli, zisuke kunye ngasentla, ziye kutsho kumhlaba endawunika ooyihlo-mkhulu ukuze ube lilifa labo.”

19. “Ndandiba ndiza kukwenza unyana wam, Sirayeli,ndikwabele umhlaba onqwenelekayo,ilifa eliyokozelayo ukudlula eleentlanga zonke.Ewe, ndandiba ùza kuthi kum: ‘Tata;’ungaze ukutyeshele ukulandela ekhondweni lam.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 3