Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 3:13-25 Ibhayibhile (XHO96)

13. Buvume nje kuphela wena ubugwenxa bakho,ngokuba umvukele uNdikhoyo uThixo wakho,wasuka wazandlalela abasemzini ngaphantsi kwemithi eyokozelayo,awalithobela ilizwi lam.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

14. “Buyela kum, lusaphondini olukreqayo!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndim inkosi yenu. Ndiza kukhetha umntu abe mnye edolophini, babe babini kwisizwe ngasinye, ndinibuyisele kwaseZiyon,

15. ndinithumele abelusi abasenyongweni kum, banaluse ngolwazi nengqiqo.

16. Niya kuthi ke nakuba nandile naba baninzi ngaloo mihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “ningabi sathi: ‘Nantsi ityesi yomnqophiso.’ Ewe, ayiyi kuba sathi chapha nasezingcingeni zenu, ingakhunjulwa nokukhunjulwa oku, ingadingeki nokudingeka, ingaze ibuye yenziwe nokwenziwa.

17. “Ngaloo mihla kuya kuthiwa iJerusalem isisihlalo sokulawula sikaNdikhoyo, zonke iintlanga zibuthelane khona, zize kunqula igama likaNdikhoyo, zingabuye zihambe ngokokuqaqadeka kweentliziyo zazo ezikhohlakeleyo.

18. Ewe, ngaloo mihla indlu kaJuda iya kumanyana nendlu kaSirayeli, zisuke kunye ngasentla, ziye kutsho kumhlaba endawunika ooyihlo-mkhulu ukuze ube lilifa labo.”

19. “Ndandiba ndiza kukwenza unyana wam, Sirayeli,ndikwabele umhlaba onqwenelekayo,ilifa eliyokozelayo ukudlula eleentlanga zonke.Ewe, ndandiba ùza kuthi kum: ‘Tata;’ungaze ukutyeshele ukulandela ekhondweni lam.

20. Wena, Sirayeli, akukhange uthembeke kumoku komfazi ongathembekanga kumyeni wakhe.”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.

21. Ewe, kuvakala ilizwi lihlokoma ezincotsheni zeenduli;sisililo nezitarhuziso zoonyana bakaSirayeli,kuba bâzenza gwenxa iindlela zabo,bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo.

22. “Buyelani kum, bantwanandini abakreqayo,ndininyange luphele ukreqo lwenu.”“Sesilapha; size kuwe.Kaloku nguwe, Ndikhoyo, uThixo wethu.

23. Ngenene iingxokozelo ezindulini nasezintabeni bubuqhetseba;ngenene kuphela nguNdikhoyo uThixo wethu omhlangulayo uSirayeli.

24. Ukususela ebutsheni bethu isithixo esilisikizi sizigqibile iziqhamo zokubulaleka koobawo,nditsho iinkomo zabo neegusha zabo,oonyana neentombi ngokunjalo.

25. Masizikhahlele phantsi ngenxa yeentloni,lisigubungele ihlazo lethu,kuba sinesono phambi koNdikhoyo uThixo wethu,thina noobawo bethu.Ukususela kwasebuntwaneni bethu, kude kube ngoku,asizange siliphulaphule ilizwi likaNdikhoyo uThixo wethu.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 3