Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 3:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Xa indoda imalile umkayo,aze yena emke aye kwendela kwenye indoda,ngaba ingaphinda ibuyele kuye?Ngaba ilizwe lobe lingaxajelwanga ngokupheleleyo?Hayi bo! Ubhatyaze nezithandwa zakho ezininzi, Sirayeli,ukanti noko usafuna ukubuyela kum?”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.

2. “Phakamisela amehlo akho ezincotsheni zeenduli;kuphi apho ungazanga wambathwe khona?Ubufudula uhlala ecaleni lendlela,ulindele izithandwa zakho,oku komArabhu ohleli entlango.Hayi bo, eli lizwe ulixabhele ngobubi bokuhenyuza kwakho.

3. Yiyo loo nto neemvula zanqanyulwayo nje;yiyo loo nto neyasentlakohlaza ingasaniyo nje.Akusenasazela oku kwehenyukazi;sewaphelelwa naziintloni.

4. “Ukanti kwawena usathi kum:‘Kaloku, tata, uyintandane yam kwasebutsheni bam.

5. Akunako ukuhlala unomsindo;akuyi kundiqumbela kude kuye esiphelweni.’Yintetho yakho ke leyo,kodwa wenza amanyundululu kangangoko!”

6. Kwathi ngexesha uJosiya ukumkani wayesesihlalweni, ndafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Uyibonile into andenze yona umkreqikazi uSirayeli? Uhambe ehenyuza ezindulini eziphakamileyo nangaphantsi kwemithi eyokozelayo.

7. Ndandiba uya kuthi emva kwayo yonke loo nto abuyele kum. Kodwa akabuyelanga kum, yaye nodade wabo ongathembekanga uJuda wayibona loo nto.

8. UJuda wabona ukuba umkreqikazi uSirayeli ndamnika incwadi yoqhawulo-mtshato ngenxa yokukrexeza, kodwa yena akazange othuke, suka naye ngokwakhe wangena kolo krexezo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 3