6. Thathani abafazi, nizale oonyana neentombi; oonyana benu nibafunele abafazi, nizendise neentombi zenu, ukuze nabo bazale oonyana neentombi – qhamani nande, ninganciphi.
7. Zamelani ucwangco kwezo zixeko ndinithumele kuzo, nizithandazele kuNdikhoyo, kuba xa ziba nenkqubela, nani noxhamla kuloo ntlala-kahle.”
8. Ewe, utsho uNdikhoyo, uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli ukuthi: “Sanukuvuma ukukhohliswa ngâbo bashumayeli noosiyazi abaphakathi kwenu, ningawathatheli ngqalelo naloo maphupha bawaphuphayo.
9. Banishumayeza egameni lam bexoka; abathunywanga ndim konke.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
10. Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Yakuba izalisekile kwiBhabheli iminyaka emashumi asixhenxe ndonikhumbulela, ndisifezekise isithembiso sokunibuyisela kule ndawo.
11. Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12. “Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule.