Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 29:4-8 Ibhayibhile (XHO96)

4. *UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli, utsho kubo bonke abathinjwa awabasa eBhabheli, besuka eJerusalem, ukuthi:

5. “Yakhani izindlu, nihlale kuzo; limani izitiya, nitye iziqhamo zazo.

6. Thathani abafazi, nizale oonyana neentombi; oonyana benu nibafunele abafazi, nizendise neentombi zenu, ukuze nabo bazale oonyana neentombi – qhamani nande, ninganciphi.

7. Zamelani ucwangco kwezo zixeko ndinithumele kuzo, nizithandazele kuNdikhoyo, kuba xa ziba nenkqubela, nani noxhamla kuloo ntlala-kahle.”

8. Ewe, utsho uNdikhoyo, uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli ukuthi: “Sanukuvuma ukukhohliswa ngâbo bashumayeli noosiyazi abaphakathi kwenu, ningawathatheli ngqalelo naloo maphupha bawaphuphayo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 29