Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 29:18-31-32 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ndobasukela ngekrele nendlala nobhubhani, ndibatsho babe nezothe kuzo zonke iintlanga ehlabathini. Boba sisiqalekiso, izinto ezinezothe ezisisigculelo nesingcikivo naphi na apho ndobagxothela khona.

19. Kaloku abawahoyanga amazwi endaphindelela ukuwathetha ngabashumayeli izicaka zam.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Kanti nina bathinjwa nani khange naphulaphula.

20. “Nina ke endanifudusayo eJerusalem ndanenza naba ngabathinjwa eBhabheli, liveni ilizwi likaNdikhoyo.

21. Ngokubhekiselele kuAhabhi unyana kaKolaya nakuZedekiya unyana kaMaseya abanishumayeza egameni lam bexoka utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Bona ndiza kubanikela esandleni sikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, ababulale apha ngaphambi kwenu.

22. Bonke abantu abasiwa ekuthinjweni eBhabheli, befuduswe eJerusalem, bothi xa befuna ukuqalekisa: ‘UNdikhoyo makakufanise noZedekiya noAhabhi abafakwa emlilweni behleli ngukumkani waseBhabheli.’

23. Kaloku benze isikizi kwaSirayeli: bona bakrexeza nabafazi babamelwane, bathetha egameni lam bexoka, bengathunywangwa ndim. Ndiyayazi loo nto mna, yaye ndilingqina layo.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

24. Yithi kuShemaya umNehelam:

25. “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: Wena wathumela iincwadi egameni lakho kubo bonke abantu baseJerusalem, nakumbingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, nakubo bonke abanye ababingeleli. Wabhalela uZefaniya wenjenje:

26. ‘UNdikhoyo ubeke wena waba ngumbingeleli esikhundleni sikaJoyada. Nguwe ke ngoku usomaqhuzu endlwini kaNdikhoyo. Ingumsebenzi wakho ke ukuba onke amageza azenza abashumayeli akhonkxwe iinyawo ngezikhuni, afakwe nentsimbi entanyeni.

27. Uyekele ntoni kodwa ukwenjenjalo kuJeremiya waseAnatoti ozenza umshumayeli phakathi kwenu?

28. Usanda kusibhalela incwadi apha eBhabheli, esithi abathinjwa abalapha baza kuhlala ixesha elide apha, ngoko ke mabazakhele izindlu, bahlale kuzo, balime izitiya, batye iziqhamo zazo.’ ”

29. Umbingeleli uZefaniya wayifundela umshumayeli uJeremiya loo ncwadi,

30. laza lavakala ilizwi likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi:

31-32. “Thumela kubantu abangabathinjwa uthi: ‘Nkokusingisele kuShemaya umNehelam uNdikhoyo utsho ukuthi: Ndiza kumohlwaya uShemaya kunye nenzala yakhe, kuba unishumayeza noxa engathunywanga ndim, wanenza nathemba ubuxoki. Ngenxa yoko utsho uNdikhoyo ukuthi: Niyabona, akayi kuba nanzala konke. Akasobe azibone izinto ezintle endiza kuzenzela abantu bam, kuba kaloku yena ubebafundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 29