Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 27:8-19-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. “ ‘Xa kuthe kwabakho isizwe okanye ulawulo esingafuni ukuzithoba phantsi kukaNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli, nditsho esingavumiyo ukuyithwala entanyeni idyokhwe yakhe, eso sizwe ndosohlwaya ngekrele, nendlala, nangobhubhani, side sinikezelwe ngokupheleleyo esandleni sikaNebhukadenezare.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

9. ‘Ngoko ke musani ukubaphulaphula abashumayeli benu, noosiyazi benu, nabalawuli-maphupha benu, namatola enu, nezanuse zenu, abathi kuni: “Anisoze naba zizicaka zikakumkani waseBhabheli.”

10. Banishumayeza ubuxoki abo; bona baya kunibangela ukuba nikhutshelwe kude kumhlaba wenu. Ndonichitha-chitha nitshabalale.

11. Kanti sona isizwe esimthobelayo ukumkani waseBhabheli, sifake intamo edyokhweni yakhe, simthobele, sona ndosiyeka emhlabeni waso: sohlala kuwo, siwulime.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12. NakuZedekiya ukumkani wakwaJuda, ndithethe kwaloo nto inye. Ndithe: “Mthobeleni ukumkani waseBhabheli, niyithwale idyokhwe yakhe, nimkhonze yena nabantu bakhe, khon' ukuze niphile.

13. Ngani ukuba nizibulalise ngekrele, nendlala, nobhubhani, zinto ezo eziya kuthunyelwa nguNdikhoyo kwisizwe esingafuni ukuthobela ukumkani waseBhabheli?

14. Ze ningawaphulaphuli amazwi abashumayeli abathi: ‘Anisokuze nibe phantsi kolawulo lukakumkani waseBhabheli,’ kuba bashumayela ubuxoki bodwa xa batshoyo.

15. Abathunywanga ndim abo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bathetha ubuxoki egameni lam. Ngoko ke ndonigxotha, nitshabalale kunye nâbo bashumayeli banishumayeze ubuxoki.”

16. Ke ndithe kubabingeleli nakubantu bonke: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ze ningawaphulaphuli amazwi abashumayeli abathi: ‘Iimpahla zendlu kaNdikhoyo ziza kubuya kwakamsinyane eBhabheli.’ Banishumayeza ubuxoki.

17. Ze ningabaphulaphuli. Ze nithobele ukumkani waseBhabheli xa nifuna ukuphila. Ngani ukuba esi sixeko sibe ngamabhodlo?

18. Ukuba bangabashumayeli – ukuba likho kubo ilizwi likaNdikhoyo – mabambongoze uNdikhoyo uSomandla-onke, khon' ukuze impahla eseleyo yendlu yakhe, neyasebhotwe lokumkani wakwaJuda, neyabantu baseJerusalem, ingathinjwa isiwe eBhabheli.”(

19-20. Xa ukumkani uNebhukadenezare wayebamba ukumkani wakwaJuda uJekoniya, unyana kaJoyakim, kunye neziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem, ebasa eBhabheli, wazishiya iintsika kunye netanki yobhedu, neenqwelwana, kunye nezinye izinto ezashiywayo endlwini kaThixo.)

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 27