Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 27:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. ‘Lenziwe ndim ngamandla am amakhulu nengalo yam eyomeleleyo ihlabathi, nabantu abakulo, nezilwanyana ezikulo; ndaye ndilinika nabani na endifuna ukumnika lona.

6. Ke ngoko onke amazwe enikuwo ndiza kuwanikezela esandleni sikaNebhukadenezare, isicaka sam, ongukumkani waseBhabheli. Nditsho nezilwanyana ezi zasendle ziza kuba zezakhe.

7. Zonke izizwe ziza kuba phantsi kwakhe, nonyana wakhe, nomzukulwana wakhe, lide lifike ixesha lokuwa kwelo lizwe lakhe. Emva koko ke kuya kufika izizwe ngezizwe, zinookumkani bazo abanamagama, zimoyise.

8. “ ‘Xa kuthe kwabakho isizwe okanye ulawulo esingafuni ukuzithoba phantsi kukaNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli, nditsho esingavumiyo ukuyithwala entanyeni idyokhwe yakhe, eso sizwe ndosohlwaya ngekrele, nendlala, nangobhubhani, side sinikezelwe ngokupheleleyo esandleni sikaNebhukadenezare.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

9. ‘Ngoko ke musani ukubaphulaphula abashumayeli benu, noosiyazi benu, nabalawuli-maphupha benu, namatola enu, nezanuse zenu, abathi kuni: “Anisoze naba zizicaka zikakumkani waseBhabheli.”

10. Banishumayeza ubuxoki abo; bona baya kunibangela ukuba nikhutshelwe kude kumhlaba wenu. Ndonichitha-chitha nitshabalale.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 27