Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 25:6-19 Ibhayibhile (XHO96)

6. Babesithi: ‘Ze ningalandeli thixo bambi, nibakhonze, niqubude kubo. Ze ningamcaphukisi uNdikhoyo ngezithixo enizenze ngezenu izandla, ukuze anganihliseli intlekele.’

7. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uthi: ‘Nina anindiphulaphulanga, suka nandicaphukisa ngoothixo enibenze ngezandla zenu, naza nazibizela ububi.’

8. “Ngoko ke, utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Niyabona, ngenxa yokuba ningafunanga kundiva,

9. ndinibizela izizwe zonke zangasentla, kunye nesicaka sam ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Ndibathumela kweli lizwe nabemi balo nazo zonke iintlanga ezilingqongileyo. Ndiza kunitshabalalisa kuphele tu, ndinenze nibe ngumbono ombi, into enezothe, kube linxuwa kuni ngonaphakade.’

10. “Ndoyiphelisa loo ntswahla yemigcobo nemincili yabo, lingabi savakala izwi lomyeni nelomtshakazi. Sophela isandi selitye lokuguba, izibane zabo zicime.

11. Liya kutsho libe yinkangala ngamanxuwa lonke ilizwe, zize ezi zizwe zibe zizicaka zokumkani waseBhabheli iminyaka engamashumi asixhenxe.

12. “Emva kwaloo minyaka imashumi asixhenxe ke ukumkani waseBhabheli ndomohlwaya kunye nesizwe sakhe ngenxa yobugwenxa babo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nelizwe lamaKaledi ndolenza libe yinkangala ngonaphakade.

13. Elo lizwe ndolihlisela zonke izinto endazithethayo – nditsho zonke ezibhaliweyo kuyo le ncwadi, ezo bezishunyayelwa nguJeremiya ngeentlanga zonke.

14. Kwa-amaBhabheli oba ngamakhoboka ezizwe ezininzi neekumkani ezinamandla. Ndiza kuwabuyekeza ngokwezenzo zawo nemisebenzi yawo.”

15. *UNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, watsho kum ukuthi: “Ina, thatha le bhekile izele yiwayini eyingqumbo yam, uyiseze zonke iintlanga endiya kukuthuma kuzo.

16. Zakuyisela ziya kutsho zididizele, ziphambane ngenxa yekrele endiza kuzihlisela lona.”

17. Ndayithatha ke loo ndebe esandleni sikaNdikhoyo, ndayiseza zonke iintlanga awayendithume kuzo.

18. Ndayisa eJerusalem nakuzo zonke iidolophu zakwaJuda, neekumkani neziphathamandla zazo, basela, yatsho yayinkangala, into eyoyikekayo, intlekisa nesiqalekiso, njengoko isenjalo nanamhla.

19. Abathe basela kuloo bhekile ngaba: Ukumkani waseJiputa kunye namagosa akhe neziphathamandla, nabo bonke abantu baseJiputa,

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 25