Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 25:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. Abo bashumayeli babesithi: ‘Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nakwizenzo zakhe ezimdaka, khon' ukuze niwuhlale ngonaphakade kanaphakade lo mhlaba wanikwa nina nooyihlo-mkhulu nguNdikhoyo.’

6. Babesithi: ‘Ze ningalandeli thixo bambi, nibakhonze, niqubude kubo. Ze ningamcaphukisi uNdikhoyo ngezithixo enizenze ngezenu izandla, ukuze anganihliseli intlekele.’

7. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uthi: ‘Nina anindiphulaphulanga, suka nandicaphukisa ngoothixo enibenze ngezandla zenu, naza nazibizela ububi.’

8. “Ngoko ke, utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Niyabona, ngenxa yokuba ningafunanga kundiva,

9. ndinibizela izizwe zonke zangasentla, kunye nesicaka sam ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Ndibathumela kweli lizwe nabemi balo nazo zonke iintlanga ezilingqongileyo. Ndiza kunitshabalalisa kuphele tu, ndinenze nibe ngumbono ombi, into enezothe, kube linxuwa kuni ngonaphakade.’

10. “Ndoyiphelisa loo ntswahla yemigcobo nemincili yabo, lingabi savakala izwi lomyeni nelomtshakazi. Sophela isandi selitye lokuguba, izibane zabo zicime.

11. Liya kutsho libe yinkangala ngamanxuwa lonke ilizwe, zize ezi zizwe zibe zizicaka zokumkani waseBhabheli iminyaka engamashumi asixhenxe.

12. “Emva kwaloo minyaka imashumi asixhenxe ke ukumkani waseBhabheli ndomohlwaya kunye nesizwe sakhe ngenxa yobugwenxa babo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nelizwe lamaKaledi ndolenza libe yinkangala ngonaphakade.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 25