Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 25:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. UJeremiya wathetha nabantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem xa bebonke, wenjenje:

3. “Kwiminyaka engamashumi mabini anantathu ukuza kuthi ga ngoku, kususela kunyaka weshumi linantathu elawula ukumkani uJosiya unyana ka-Amon, ilizwi likaNdikhoyo lalisoloko lifika kum, ndibe nam ndiphindelela ukubhekisa kuni. Koko nina nisuke anahoya nto kwaphela.

4. Naxa ephindelela uNdikhoyo ukunithumela zonke izicaka zakhe ezingabashumayeli, nisuke nina aneva, analibekela indlebe ilizwi lakhe.

5. Abo bashumayeli babesithi: ‘Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nakwizenzo zakhe ezimdaka, khon' ukuze niwuhlale ngonaphakade kanaphakade lo mhlaba wanikwa nina nooyihlo-mkhulu nguNdikhoyo.’

6. Babesithi: ‘Ze ningalandeli thixo bambi, nibakhonze, niqubude kubo. Ze ningamcaphukisi uNdikhoyo ngezithixo enizenze ngezenu izandla, ukuze anganihliseli intlekele.’

7. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uthi: ‘Nina anindiphulaphulanga, suka nandicaphukisa ngoothixo enibenze ngezandla zenu, naza nazibizela ububi.’

8. “Ngoko ke, utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Niyabona, ngenxa yokuba ningafunanga kundiva,

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 25