Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 25:11-27 Ibhayibhile (XHO96)

11. Liya kutsho libe yinkangala ngamanxuwa lonke ilizwe, zize ezi zizwe zibe zizicaka zokumkani waseBhabheli iminyaka engamashumi asixhenxe.

12. “Emva kwaloo minyaka imashumi asixhenxe ke ukumkani waseBhabheli ndomohlwaya kunye nesizwe sakhe ngenxa yobugwenxa babo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nelizwe lamaKaledi ndolenza libe yinkangala ngonaphakade.

13. Elo lizwe ndolihlisela zonke izinto endazithethayo – nditsho zonke ezibhaliweyo kuyo le ncwadi, ezo bezishunyayelwa nguJeremiya ngeentlanga zonke.

14. Kwa-amaBhabheli oba ngamakhoboka ezizwe ezininzi neekumkani ezinamandla. Ndiza kuwabuyekeza ngokwezenzo zawo nemisebenzi yawo.”

15. *UNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, watsho kum ukuthi: “Ina, thatha le bhekile izele yiwayini eyingqumbo yam, uyiseze zonke iintlanga endiya kukuthuma kuzo.

16. Zakuyisela ziya kutsho zididizele, ziphambane ngenxa yekrele endiza kuzihlisela lona.”

17. Ndayithatha ke loo ndebe esandleni sikaNdikhoyo, ndayiseza zonke iintlanga awayendithume kuzo.

18. Ndayisa eJerusalem nakuzo zonke iidolophu zakwaJuda, neekumkani neziphathamandla zazo, basela, yatsho yayinkangala, into eyoyikekayo, intlekisa nesiqalekiso, njengoko isenjalo nanamhla.

19. Abathe basela kuloo bhekile ngaba: Ukumkani waseJiputa kunye namagosa akhe neziphathamandla, nabo bonke abantu baseJiputa,

20. kwakunye nabangeneleli; bonke ookumkani belaseUzi, nabo bonke ookumkani bezixeko zamaFilistiya: iAshkelon, iGaza, iEkron, namasalela aseAshdodi;

21. bonke abantu base-Edom, eMowabhi, naseAmon, bayisela;

22. ookumkani baseTire naseSidon bonke; ookumkani bamazwana angaphesheya kolwandle nabo bayisela,

23. kunye nezixeko zaseDedan, eTema, naseBhuze, nabantu abacheba iinwele ezintlafunweni basela;

24. ookumkani bama-Arabhu, nookumkani bezizwe ezingumxube zasentlango;

25. nookumkani baseZimri nase-Elam naseMediya,

26. nabo bonke ookumkani basemantla, abakude nabakufuphi ngokulandelelana. Zonke izizwe eziphezu komhlaba zimelwe kukusela kuloo bhekile yengqumbo kaThixo. Ekugqibeleni ke iya kuba ngukumkani waseSheshaki oya kusela.

27. “Baxelele ke abantu uthi: ‘UNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi: Selani ninxile nide nihlanze, niwe ningavuki ngenxa yekrele endinizisela lona.’

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 25