Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 23:23-33 Ibhayibhile (XHO96)

23. “NdinguThixo wakufuphi na?”utsho umlomo kaNdikhoyo,“ndingabi nguThixo wakude na?

24. Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

25. “Ndiyivile into ethethwa ngâbo bashumayeli bashumayela ubuxoki egameni lam. Bathi: ‘Ndiphuphe iphupha! Ndiphuphe iphupha!’

26. Koda kube nini na iqhubeka le nto eyenziwa ngabashumayeli abashumayela ubuxoki, bevakalisa inkohliso yeengcinga zabo?

27. Bacinga ukuba la maphupha bawachazayo aya kwenza ukuba bandilibale abantu bam, baxele ooyise-mkhulu abândilibalayo banqula uBhali.

28. Umshumayeli ongumchazi-maphupha makatsho ukuba uchaza nje iphupha, kodwa lowo ushumayela evakalisa amazwi am makenjenjalo ngentembeko. Ufunani umququ engqoloweni?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

29. “Alinjengomlilo na ilizwi lam, lingenjengehamile na eyaphula ilitye lenyengane?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

30. Nguwo lo ke umlomo kaNdikhoyo: “Ndibachasile abo bashumayeli abeba omnye komnye amazwi angathi ngawam.

31. Ndibachasile kwanabo bashumayeli bashumayela ngobabo ubuciko, suka bathi: ‘Utsho uNdikhoyo.’ ”

32. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, ndibachasile abo bashumayela ubuxoki bamaphupha abo. Bayawachaza, baze balahlekise abantu bam ngokuzigwagwisa kwabo. Abathunywanga ndim, yaye bengagunyaziswanga ndim. Futhi akukho nto konke babanceda ngayo aba bantu.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

33. “Xa aba bantu bekubuzayo, nokuba *ngumshumayeli nokuba ngumbingeleli, besithi: ‘Udaba olundilisekileyo *lukaNdikhoyo luthini?’ uze uthi: ‘Ungumthwalo wena kuNdikhoyo; ibe uza kukothula.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 23