Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 23:17-27 Ibhayibhile (XHO96)

17. Kwabalidelayo ilizwi lam basoloko besithi: ‘Makube luxolo kuni.’Kwabo baqaqadekileyo bathi: ‘Anisoze nihlelwe bububi.’ ”

18. Ngubani na kubo olilungu legqugula likaNdikhoyo?Ingubani oluvayo noluqondayo udaba lwakhe?Ngaba ukho owakha waluphulaphula waluthathela ingqalelo?

19. Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu,nditsho isaqhwithi esoyikekayoesivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.

20. Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe.Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.

21. Abathunywanga ndim aba bashumayeli,kodwa noko basuke bagijima.Zange ndithethe nabo,kodwa bona basuke bashumayela.

22. Ukuba bebekho kwigqugula lam ngebewavakalisa amazwi am endiwabhekisa ebantwini bam.Ngebebajikile kwiindlela zabo ezimbinakwizenzo zabo ezikhohlakeleyo.

23. “NdinguThixo wakufuphi na?”utsho umlomo kaNdikhoyo,“ndingabi nguThixo wakude na?

24. Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

25. “Ndiyivile into ethethwa ngâbo bashumayeli bashumayela ubuxoki egameni lam. Bathi: ‘Ndiphuphe iphupha! Ndiphuphe iphupha!’

26. Koda kube nini na iqhubeka le nto eyenziwa ngabashumayeli abashumayela ubuxoki, bevakalisa inkohliso yeengcinga zabo?

27. Bacinga ukuba la maphupha bawachazayo aya kwenza ukuba bandilibale abantu bam, baxele ooyise-mkhulu abândilibalayo banqula uBhali.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 23