Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 23:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Mawoo kubo abelusi abatshabalalisa imihlambi yedlelo lam!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

2. Utsho ke ngoko uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli kwabo belusi ukuthi: “Ngenxa yokuba imihlambi yam niyichithe nayithi saa, anayikhathalela, ndiza kunohlwaya ngenxa yobubi enibenzileyo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

3. “Amasalela omhlambi wam ndiya kuwaqokelela emazweni onke endawachitha-chithela kuwo, ndiwabuyisele edlelweni lawo, aqhame ande.

4. Abantu bam ndiza kubanika abelusi abaza kubalondoloza. Abayi kube babe naxhala nalunxunguphalo, kungayi kube sabakho bani ulahlekayo kwakhona.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

5. “Iyeza imihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “yokuba uDavide ndimvelisele kumnombo wakhe ihlumelo elililungisa: ukumkani oya kuphatha ngobulumko, enze okulungileyo nobulungisa kulo mhlaba.

6. Ngemihla yakhe baya kuhlala bengabasindileyo abantu bakwaJuda, nakwaSirayeli bahlale bekhuselekile. Igama aya kubizwa ngalo lelithi: ‘UNdikhoyo ububulungisa bethu.’ ”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 23