Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 2:22-27 Ibhayibhile (XHO96)

22. Nditsho nokuba ungade uzihlambe ngesoda,uziguxe ngeyodwa isepha,awusayi kusuka wona umdintsi wesono sakho.”Lowo ngumlomo weNkosi *uNdikhoyo.

23. “Ungathini ukuthi: ‘Andizenyelisanga;andikhange ndimlandele uBhali’?Khangela umkhondo wakho entilini,uzigqale izenzo zakho.Ubufana nqwa nethokazi lenkamela lirhaqaza entlango,

24. nqwa nemazi yeqwarha lasentlango edumbileyoehamba isezela umoya, ifuna inkunzi.Ngubani ongayithintelayo xa injalo?Akukho nkunzi izixhamla ngayo kuloo meko –isuka iyifumane lula ngelo xesha.

25. Sirayeli, musa ukuzityabula iinyawoude nomqala wakho utshe kukusukelana nezithixo.Kambe ke uthi: ‘Akusancedi nto;sendithandana noothixo basemzini;andinakungabalandeli.’ ”

26. *UNdikhoyo uthi:“Kanye njengoko lidana linyoshoze xa libhaqiwe isela,koba njalo ukuhlazeka kukaSirayeli nookumkani bakhe,neziphathamandla, ababingeleli, kunye nabashumayeli.

27. Bona bathi emthini: ‘Ungubawo wena.’Elityeni bathi: ‘Nguwe ondizeleyo.’Kaloku aba bantu beze ngenqentsu kum;abezanga ngabuso.Kodwa ngexesha leenkxwaleko ikwangabo abathi: ‘Phakama, usincede!’

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 2