Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 2:12-19 Ibhayibhile (XHO96)

12. Yothukani, mazulu, yile nto,nigubhe luloyiko, nithi khumnqa!”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

13. “Kaloku lintlantlu mbini ityala labantu bam:bandishiyile mna, mthombo wamanzi ampompozayo,bazimbela awabo amaqula –amaqula avuzayo ziintanda.”

14. “Ngaba uSirayeli likhoboka?Ngaba wazalelwa ebukhobokeni na?Ngani ukuba abe lixhoba?

15. Iingonyama ziyagquma, ziyamgragramela.Seziwuqwenga-qwengile umhlaba wakhe,zazitsho zaba ngamabhodlo angahlali bani izixeko zakwaSirayeli.

16. Ewe, abantu baseMemfisi naseTapanesesebekugugule ukhakhayi.

17. Nguwe ngokwakho ozenzileyo,kuba umfulathele *uNdikhoyo uThixo wakhoakuba ebekukhokela endleleni.

18. Khawutsho ke,kungani ukuba uye kusela amanzi aseNayile eJiputa?Kungani uye kusela amanzi aseYifrate eAsiriya?

19. Uza kuqeqeshwa bubugwenxa bakho;uza kululekwa kukukreqa kwakho;uza kubuqonda ubukrakra nobubi bokundifulathelanokungankwantyi phambi kwam, mna Ndikhoyo, Thixo wakho.”Lowo ngumlomo wengangalala uNdikhoyo onamandla onke.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 2