Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 2:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. Khanikhe niwele niye kwiziqithi zamaKiti,okanye nithumele iintlola eKedare,ziye kuqinisekisa ukuba yakha yakho na into enjengale.

11. Lwakha lwakho phi na uhlanga olwananisa ngoothixo balo,noba bengengoothixo ngenene?Kodwa bona abantu bam balananisile iqhayiya labongenxa yezinto ezingenaluncedo!

12. Yothukani, mazulu, yile nto,nigubhe luloyiko, nithi khumnqa!”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

13. “Kaloku lintlantlu mbini ityala labantu bam:bandishiyile mna, mthombo wamanzi ampompozayo,bazimbela awabo amaqula –amaqula avuzayo ziintanda.”

14. “Ngaba uSirayeli likhoboka?Ngaba wazalelwa ebukhobokeni na?Ngani ukuba abe lixhoba?

15. Iingonyama ziyagquma, ziyamgragramela.Seziwuqwenga-qwengile umhlaba wakhe,zazitsho zaba ngamabhodlo angahlali bani izixeko zakwaSirayeli.

16. Ewe, abantu baseMemfisi naseTapanesesebekugugule ukhakhayi.

17. Nguwe ngokwakho ozenzileyo,kuba umfulathele *uNdikhoyo uThixo wakhoakuba ebekukhokela endleleni.

18. Khawutsho ke,kungani ukuba uye kusela amanzi aseNayile eJiputa?Kungani uye kusela amanzi aseYifrate eAsiriya?

19. Uza kuqeqeshwa bubugwenxa bakho;uza kululekwa kukukreqa kwakho;uza kubuqonda ubukrakra nobubi bokundifulathelanokungankwantyi phambi kwam, mna Ndikhoyo, Thixo wakho.”Lowo ngumlomo wengangalala uNdikhoyo onamandla onke.

20. “Kudala, Sirayeli, wayaphulayo idyokhwe,waziqhawula izitrophu zakho,usithi: ‘Andiyi kukukhonza.’Ewe, ubuhamba ulala ezinkalweni zonkenangaphantsi kwemithi yonke,uziqhekeza uxela ihenyukazi.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 2