Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 18:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Phakama uye emzini wombumbi; apho ndokwazisa udaba lwam.”

3. Ndaya emzini wombumbi, ndafika esebenza elityeni lakhe.

4. Kwakuthi yakungabumbeki kakuhle imbiza yodongwe, abuye aluthathe olo dongwe, enze ngalo mbiza yimbi ngokubona kwakhe.

5. Lavakala ke kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

6. “Ke, bantu bakwaSirayeli, niba mna andinako ukwenza kuni njengokuba umbumbi esenza njalo ngodongwe?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nani nisezandleni zam, njengodongwe olusezandleni zombumbi.

7. Nanini na xa ndithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolunyothula, ndiludilize, ndilutshabalalise,

8. ze lona olo hlanga luguquke, luyiyeke loo nkohlakalo ebendiluxelele yona, andiyi kukwenza oko bendithe ndokwenza.

9. Kanti ke nanini xa bendithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolwakha ndilumilisele,

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 18