Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 16:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Akukho bani oya kumnika ukutya evelana naye oswelekelweyo, nditsho nokuba selebhujelwe ngunina okanye uyise. Ewe, akayi kusezwa nethontsi eli.

8. “Uze ungangeni kumzi onesidlo, ungahlali phantsi utye usele kunye nabo.”

9. Kaloku utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Ndiza kuyiphelisa loo ntswahla yemigcobo neziyolo, nditsho ilizwi lomtshakazi nelomyeni. Oko nokubona ngawenu amehlo kule mihla yenu.

10. “Wakuba uwavakalisile onke la mazwi, abantu baza kubhekisa kuwe besithi: ‘Kungani na ukuba uNdikhoyo asimisele intlekele engaka? Buyini na ubugwenxa bethu? Siyini na isono sethu esimone ngaso uNdikhoyo uThixo wethu?’

11. Uze wena ubaphendule uthi: ‘Kungenxa yokuba ooyihlo-mkhulu bandishiya, balandela oothixo basemzini, babakhonza, baqubuda kubo. Mna bandifulathela, abawuthobela umyalelo wam.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12. ‘Kodwa nina niziphethe kakubi nabadlula ookhokho benu: nako elowo elandela ukuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo endaweni yokuba andiphulaphule mna.

13. Ndiza kunikhupha kulo mhlaba, ndinise kwilizwe eningalaziyo nina kunye nooyihlo. Apho nonqula *thixo bambi imini nobusuku, kuba andiyi kunisizela konke mna.’ ”

14. Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Inene, iyeza imihla ekungayi kuba safungwa kuthiwe: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli eJiputa.’

15. Koko baza kuthi: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli kumhlaba wangasentla nakwamanye amazwe awayewagxothele kuwo.’ Ndiza kuwabuyisela kowawo umhlaba endawunika ooyise-mkhulu.”

16. Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Niyabona, ndiza kuthumela abalobi beentlanzi abaninzi, baze kubambisa aba bantu, emva koko ndithumele abazingeli abaninzi babazingele kuzo zonke iinduli nakuzo zonke iintaba, nasezimfanteni zamawa.

17. Ndiyayibona into abayenzayo; akukho nto isitheleyo kum; ndiyabubona bonke ubugwenxa babo.

18. Kuqala ndobabuyekeza ngokuphinda-phindiweyo ngenxa yobugwenxa babo nesono sabo, kuba baxabhele umhlaba olilifa lam ngoonomgogwana bezithixo zabo ezingamasikizi alizothe.”

19. *Ndikhoyo, mandla am, nqaba yam,mkhuseli wam ngamaxesha eembandezelo,ziya kuza kuwe iintlanga,zivela eziphelweni zehlabathi,zifike zithi:“Inene, oobawo babebambelele kwizinto zobuxoki,bekhonza oothixo abangamampunge, abangancedi lutho.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 16