1. Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2. “Uze ungakhe uzeke mfazi, uzale oonyana neentombi kule ndawo.
3. Ngokusingisele koonyana neentombi zalapha, kunye noonina nooyise babo, utsho uNdikhoyo ukuthi:
4. ‘Baza kufa zizifo ezibulalayo, bangazilelwa, bangangcwatywa nokungcwatywa. Izidumbu zabo ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe. Baza kufa likrele okanye yindlala, baxholwe ziintaka, badliwe nangamarhamncwa.’ ”