Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 15:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. “Jerusalem, ngubani owovelana nawe,ingubani oya kukukhuza?Ngubani owozikhathaza ukukubuza impilo?

6. Nguwe ondilahlileyo, waza wabuya umva.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.“Ndidiniwe kukuba nosizi nguwe;ngoko ke ndiya kukusa isandla ndikutshabalalise.

7. Ndobachitha-chitha kuzo zonke izixeko zeli lizwe,okomququ ophetshethwayo xa kubhulwa.Ndobahlutha inzala abantu bam, ndibatshabalalise,ngenxa yokuba bengafuni kwahlukana nemikhwa emibi.

8. Abahlolokazi boba baninzi,badlule intlabathi engaselwandle.Emini emaqanda ndobazisela umtshabalalisi oonina bamadodana,ngequbuliso ndobafikela ngonxunguphalo nokunkwantya.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 15