Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 15:19-21 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ke ngoko utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ukuba uyabuyela kum, ndobuya ndikubuyisele esikhundleni sakho, ube sisicaka sam. Ndobuya ndikwenze umlomo wam, ukuba nje uyayiyeka le mbudede uyithethayo. Baza kubuyela kuwe abantu, ingabi nguwe obuyela kubo.

20. Ndiza kukwenza ube ludonga oluyinqaba yobhedu; bathi bekulwa, bangakoyisi noko. Ndiza kuba nawe, ndikuhlangule, ndikusindise.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

21. “Ndiza kukuhlangula kubantu abakhohlakeleyo, ndikukhulule esandleni sabagonyameli.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 15