Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 15:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uthe kum: “Nokuba kungade kube kumi uMosis kunye noSamweli apha ngaphambi kwam, bendingasokuze ndibavele aba bantu konke. Bagxothe bemke phambi kwam!

2. Xa bathi: ‘Usigxothela phi?’ uze uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi:“ ‘Abokufa mabaye ekufeni,abekrele ekreleni,abendlala kwindlala,abokuthinjwa ekuthinjweni.’”

3. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiza kubamisela iindidi zibe ne zezibetho. Ikrele liza kubatyakatya, izinja zibarhuqe, badliwe ziintaka, amarhamncwa wona abagqibezele.

4. Baza kutsho bacekiseke kuzo zonke izikumkani zehlabathi ngenxa yento eyênziwa eJerusalem nguManase into kaHezekiya ukumkani wakwaJuda.

5. “Jerusalem, ngubani owovelana nawe,ingubani oya kukukhuza?Ngubani owozikhathaza ukukubuza impilo?

6. Nguwe ondilahlileyo, waza wabuya umva.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.“Ndidiniwe kukuba nosizi nguwe;ngoko ke ndiya kukusa isandla ndikutshabalalise.

7. Ndobachitha-chitha kuzo zonke izixeko zeli lizwe,okomququ ophetshethwayo xa kubhulwa.Ndobahlutha inzala abantu bam, ndibatshabalalise,ngenxa yokuba bengafuni kwahlukana nemikhwa emibi.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 15