Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 13:11-18 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kanye njengokuba ibhanti ithiwa ntshi esinqeni somntu, umzi kaSirayeli uphela kwakunye nokaJuda ndawubophelela kum,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “khon' ukuze babe ngabantu bam, ndizenzele igama ngabo, nodumo neqhayiya, kodwa bona abevanga.”

12. Wathi kum *uNdikhoyo: “Yithi kwaba bantu: ‘Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Wonke umphanda wozaliswa ngewayini.’ Bona ke baya kuthi: ‘Uba asiyazi kakade into yokuba wonke umphanda wozaliswa ngewayini?’

13. Uya kuthi ke wena: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Bonke abemi beli lizwe ndiza kubenza banxile, nditsho iikumkani zabo, ezo zisezihlangwini zikaDavide, ababingeleli, abashumayeli, nabo bonke abantu baseJerusalem.

14. Ndiza kubakhandanisa omnye nomnye, ooyise noonyana, utsho uNdikhoyo. Usizi nenceba nemfesane ndiza kuziphosa ngasemva zingandinqandi ekubatshabalaliseni.’ ”

15. MaSirayeli, *uNdikhoyo uthethile;bekani iindlebe nive,niyeke ukuziphakamisa.

16. Mzukiseni uNdikhoyo uThixo wenuengekaniziseli ubumnyamanikhubeke ezindulini ezinamathunzi;hleze ukukhanya enikulindeleyo kujikekube sisithokothokosobumnyama.

17. Ukuba aniva, ndiya kukhala ngasese, ndilile ngenxa yekratshi eninalo.Ndiya kutsho ezimathontsi ngenxa yomhlambi kaNdikhoyo othinjiweyo.

18. Mxeleleni ukumkani kunye nonina ukumkanikazi,nithi: “Zithobeni; hlalani phantsi;kuba izithsaba zokuhlonipheka kwenu zithulwe ezintlokweni zenu.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 13