Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 13:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Watsho kum *uNdikhoyo ukuthi: “Yiya kuthenga ibhanti eyenziwe ngelinen, uyibhinqe esinqeni, kodwa ingaze idibane namanzi.”

2. Ndaya kuyithenga ke loo bhanti, njengokutsho kukaNdikhoyo, ndayibhinqa.

3. Libuye lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo, lisithi:

4. “Thatha le bhanti uyibhinqileyo, uye emlanjeni iEfrati, ufike uyifihle emfanteni kwiliwa elilapho.”

5. Ndahamba ke ndafika ndayifihla ngase-Efrati njengokutsho kukaNdikhoyo.

6. Emva kwexesha elide wabuya wathi kum uNdikhoyo: “Yiya e-Efrati, ufike uthathe laa bhanti ndandithe yifihle khona.”

7. Ndaya ke, ndafika ndayivumbulula apho ndandiyifake khona. Ndafika sele yonakele, kungasenakwenziwa nto ngayo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 13