15. Kambe ndobe ndibenzele inceba ndakuba ndibanyothule, ndibuyisele umntu ngamnye kwilifa lakhe nakumhlaba wakowabo.
16. Kuya kuthi xa bazifundisisile iindlela zabantu bam, bafunge nangegama lam, bathi: ‘Ekho nje uNdikhoyo’ – nanjengoko bebebafundisa abantu bam ukufunga ngoBhali – nabo ndiya kubazinzisa phakathi kwabantu bam.
17. Xa kukho uhlanga olungevayo ndolunyothula; ewe, ndolunyothula ndiluphanzise.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.