Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 7:19-24 Ibhayibhile (XHO96)

19. Elo bubu ke liya kuyambathisa nje imixawuka ndawonye nemiqolomba emaweni phaya; ewe, liya kunwena lithandele nenameva imithi, lingashiyi nalinye idlelo.

20. “Ngelo thuba ke uNdikhoyo uya kuqesha umchebi waphesheya komlambo iEfrati ukumkani waseAsiriya! Yena ke uya kunigugula zonke iinwele neendevu noboya.

21. “Lakugaleleka ke elo xesha nomlimi osalelwe yimazi yenkomo enye, neemazi zeegusha ezimbini,

22. kangangokuba ziya kuba zisehlisa, kuya kuba yintlutha emzini wakhe. Ewe, kaloku loo masalela ashiyekileyo kweli lizwe aya kudla ngendeb' endala, ingamasi nobusi.

23. “Ngelo xesha ke izidiliya ezinemithi eliwaka kuso ngasinye – mithi leyo ixabisa iwaka leesiliva – ziya kuba zitshone lè, zonganyelwe sisiphingo nobobo.

24. Ke bona abantu baya kujikeleza neentolo zabo bezingela. Kaloku lonke eli lizwe loba liphanjwe ngamatyholo anameva ndawonye nobobo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 7